FATHERS LOVE LETTER .COM
  • Home
  • About
    • About
    • Contact
    • Copyright
    • Donate
    • FAQ
    • Our Vision
    • Privacy Policy
    • Terms of use
    • The Story
    • What We Believe
  • Media Formats
    • Media Center
    • HD Video
    • Vertical Video
    • Video History
    • Stores
    • Text
    • Audio
    • Kids FLL
  • Languages
  • God and You
  • FLL Book
    • Devotional Index
    • Free Audiobook
    • Free eBook

Xhosa
Father's Love Letter

The Xhosa Father's Love Letter is currently available
in the following formats.
1. An instrumental video version
2. An online text version

(Please feel free to copy the Xhosa text and design your own version).

Xhosa Father's Love Letter Instrumental Video

Video Courtesy of Nico Boyadjian

Xhosa Father's Love Letter
Mntwana wam…

Yehova undigocagocile wandazi.
Indumiso 139:1

Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam.     
Indumiso 139:2

Uqhelene neendlela zam zonke.
Indumiso 139:3

Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.
Mateyu 10:29-31

Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe.
Gen. 1:27

Kuba kuye sihleli, siyashukuma, sikho.
Izenzo 17:28

Njengokuba nembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, kuba nathi siyinzala yakhe.
Izenzo 17:28

Ndingekakubumbi esizalweni bendikwazi.
Jer. 1:4-5

Ungekaphumi embilinini ndakungcwalisa.
Efese 1:11-12

Umisiwe ngokwecebo lokuthanda kwakhe,
kuba zonke iintsuku zakho zibhaliwe encwadini yakhe.
Indumiso 139:15-16

Zibhaliwe encwadini yakho iimini zonke ziphela,
ziyiliwe ngenxa engaphambili kungekabikho ke nanye kuzo.
Izenzo 17:26

Wenziwe ngokoyikekayo nangokumangalisayo.
Indumiso 139:14

Wandibiyela esizalweni sikama.
Indumiso 139:13

Nguwe owandityhobozisayo esibilinini sikama.
Indumiso 71:6

Bayandigqwetha abo bangandaziyo.
John 8:41-44

Andikude, andicaphuki, ndiyimbonakalo egqibeleleyo yothando.
1 John 4:16

Ngoku singabantwana bakaThixo.
1 John 3:1

Mna ndininika ngaphezu kokunika kwabazali benu basemhlabeni.
Mateyu 7:11

Ngokuba ndinguBawo wenu ogqibeleleyo.
Mateyu 5:48

Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela kuYehova.
Yakob 1:7

Ndingumlungiseleli wenu, yaye ndiyanibonelela kwiintswelo zenu.
Mateytu 6:31-33

Icebo lam lengomso lenu lizaliswe lithemba.
Jer. 29:11

Ndinithandile ngothando olungunaphakade.
Jer. 31:3

Ingcamango zam ngani azinakubalwa njengentlabathi yolwandle.
Indumiso 139:17-18.

Uyagcoba ngawe ngengoma.
Zef. 3:17

Andiyi kuyeka ukukwenzela okulungileyo.
Jer. 32:40

Usisidalwa sam esinexabiso.
Exodus: 19:15

Ndinqwenela ukunizinzisa ngentliziyo yam yonke nomphefumlo wam wonke.
Jer. 33:3

Ukuba nindifuna ngentliziyo zenu niyakundifumana.
Deut. 4:29

Ziyolise ngoYehova wokunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.
Indumiso 37:4

Loo minqweno unayo ndim okunikayo.
Filiphu 2:13

Ndinakho ukwenza ngaphezu kweento zonke.
Efese 3:20

Ndingumkhuthazi wakho omkhulu
2 Thes. 2:16-17

Xa intliziyo yakho yaphukile, ndisecaleni lakho.
Ind: 34:18

Njengomalusi ethwele itakane, ndinithwele kufutshane nentliziyo
Yam. Isa 40:11

Ngenye imini ndizakuzisula iinyembezi emehlweni enu.
Isityh 21:3-4

Ndizisuse zonke iintlungu enizifumene emhlabeni.
Isityh. 21:3-4.

NdinguYihlo, ndinithanda njengokuba ndithanda uNyana wam uYesu.
John 17:23

NgoYesu ndibonakalisa uthando lwam kuni.
John 17:26

Ulubengezelo lobuqaqawuli bakhe nombhalo wenkqu yakhe.
Heb. 1:3

Ukuba uThixo ungakuthi ngubani na ongasichasayo?
Rom. 8:31

Andizibaleli kuni iziphoso zenu.
2 Kor. 5:18-19.

UYesu wafa ukuze sixolelaniswe naye.
2 Kor. 5:18-19

Ukufa kukaYesu kubonakalisa uthando lwakhe kuni.
1 John 4:10

Wasuka wamnikela ngenxa yethu sonke ukuze azuze uthando lwakho.
Rom. 8:31-32

Bonke abamkhanyelayo uNyana abanaye uYise.
1 John 2:23

Akukho nanye into eyakusahlula eluthandweni luka Thixo.
Rom. 8:38-39

Kuyakubakho uvuyo emazulwini ngomoni omnye oguqukayo.
Luka 15:7.

Ndisoloko ndinguYihlo ndiyakusoloko ndinguYihlo.
Efese. 3:14-15

Umbuzo wam ngowokuba, uyakuba nguye na umntwana wam?
John 1:12-13

Ndikulindile.
Luka 15:11-32

Ngothando, uBawo wakho
UThixo Onamandla.

ACKNOWLEDGEMENTS / PERMISSION:
Special thanks to Neil Newman for providing this translation.
Please feel free to copy and share all of the resources on this page as long as you do so free of charge.

About Us

About
The Story
Copyright

Get Involved

FAQ
Terms of Use
Our Websites

Connect

Contact
Privacy Policy
Donate
© COPYRIGHT 2022. ALL RIGHTS RESERVED.
  • Home
  • About
    • About
    • Contact
    • Copyright
    • Donate
    • FAQ
    • Our Vision
    • Privacy Policy
    • Terms of use
    • The Story
    • What We Believe
  • Media Formats
    • Media Center
    • HD Video
    • Vertical Video
    • Video History
    • Stores
    • Text
    • Audio
    • Kids FLL
  • Languages
  • God and You
  • FLL Book
    • Devotional Index
    • Free Audiobook
    • Free eBook